Intlungu yozithandisa

Intlungu yozithandisa This is one man's story how love life has been from the beginning pls enjoy

Mondays kodwa 😩
30/06/2025

Mondays kodwa 😩

18/08/2022

Themba ilitye kunomntu
Prt4
Impendulo zabamhlophe

Zandimangalisa impendulo zabamhlophe zindixela imvelaphi kunye neengozi endijongene nazo
Kwacaca ukuba umnqwazi awuqini xa besithi ukufa kwakho kusembizeni, ndaazama ingcazelo ebhentsileyo ndikwamincile ingabi kanti ndibulawa lithemba lam,
Bandixelela ukuba obo ubancedileyo kwindawo leyo uphangela kuyo badibene ngawe ekukubulaleni kwaye iinjongo zabo kukususa k*mbebenzi owenzayo , nangona zandimangalisekile ndothukile kodwa umsindo yayingowokuba iinjongo zokulunga nonceda abantu zibuyiswa ngobubi

Ndathi ndisamangele ngezondaba bandigqiba ngelithi kusekude engqinibeni ngoba uzojikelwa nguye wonke umntu okwaziyo nabo ubathandayo bazakujikela bakonyelise bakukhafulele kodwa ukulungisa elinyewe kofuneka uqine isibindi ngoba kuzophuma isidumbu

Bathi umntu untlangothi mbini

Ndenzangathi andiboni andihoyanga ndaqhubeka nokwenza umsebenzi lowo ndingulowo unesokrokro nasendlini ngokuba ndafumaniseka ukuba iqabane elo bendilithembile liyakrexeza , kwabangathi iliwa libheke umoya ndazama ulikhalima lazithoba lacela amaxolo ndisilwa mhla nezolo lazama undithembisa loziphatha kakuhle nam ndenze kwa njalo , mihla le sasilala ngomthandazo sidumisa sithandana sinethemba ubomi boguquka njengoko yayikwandim ojongene nakokonke njengotata,
Bendiqaphela ukuhluk*mezeka ngokocantsi kodwa ndingakuboni oko kwananjalo ingavamanga intluk*mezeko yocantsi kowesilisa
Ndayenza uphando ndibuzisa ingaba ngenene ndiyahluk*mezeka kwacacukuba ngenene ndisisisulu
Ndajonga ecaleni ndineenjingo zimbi ngqleqabane elo lam ndakhetha ubuyela kwabamhlophe ngenjongo zophucula ubomi balo,
Andizange ndisokole ndenza njalo ekuncedeni kwathi kanti ndiphethele iinyoka amasele

Kwintlungu zomzimba ebendiphantsi kwazo nezigulo ebendinazo kongezeleka ezomoya noxinzelelo lwengqondo
Ndazama uthetha ndicela uncedo ndisoyika iziphumo ezinikwenzeka ndingulowo uphembelela uthando kwezomeko zimasikiz

Imfazwe yengqondo nentliziyo endizibone ndikuyo

To be continue

19/07/2022

Themba ilitye kunomntu
Prt3
Kusekubeni ndimfumene umsebenzi waqhuba ubomi k*mnandi ebomini
Ndingulowo uhlala encumile ndiwuthanda kwaye ndiwukhathalele umsebenzi ,kwathi kanti kukho gqiyazana lithile lindijongileyo kwaye liwujonge ngobunono umsebenzi wam, babenoncumo bethetha kamnandi abo zandiphangela nabo bendikhuthaza kwananjalo ekuzimiseleni k*msebenzi wam
Kwadlula inyanga ezintandathu ndikulomsebenzi njenge clerk
Kwathi kungeni ngomvulo kwinyanga ka March sabizelwa kwiholo labasebenzi sonke singazi Unobangela .
Azange balibazise abaqashi bandixelela phakathi kwabanye abasebenzi ukuba ukusuka ngalomzuzu ndizoba nguntsumpa wabasebezi wandiqhwabela izandla bevuyisana nam ndafunda msebenzi wumbi omtsha
Oooh bonwaba abasebenzi bam phantsi kolawulo lwam sivana kuhlekwa zahamba iintsuku

Themba ilitye kunomntu

Kwathi kusemnandi kunjalo ndiphangela ngovuyo nomdla ndafika emsebenzini njengesiqhelo ndaya kwigumbi lam lokusebenzela nalapho ndafika ndagula ndanentloko ebuhlungu mzimbha waphuma izigxala kwanyanzeleka bandileqise kwiziko lezempilo nalapho ndancedeka ngokukhawleza ndabuya emvakwemini ndayokulala apho bendizihlalela khona
Kwathi kwakusa umlenze lowo wam wawudumbhe kanabomi ungakwazi nonyathela ndamangaliseka ndizibuza Unobangela
Ndabuyela kwakwiziko lezempilo nalapho nsatsalwa amagazi bezama uhlola Unobangela isimanga Oogqirha babuya besithi isisimanga le into asiboni ndonakele kwigazi lakho nak*mzimba bandikhulula nalomleze udumbuleyo
Ndazixelela ukuba andisayi kuhlala phantsi ndizohamba ngawo unjalo uphangela kwakukho abo bemana besithi kutheni ungayohlala endlini abanye betsalela umnxeba abaphathi besithi andiphilanga ndabaxelela bonke ndisithi andisayi kuvuma ngam lo umlenze ungafane uqhawke ndaqhubeka kubuhlungu kodwa ndizixelele ndofelakhona

Abamhlophe neembhono zabo

Kwafika ntombi ithile isithi bhuti kutheni ungayi egqirheni ngalomlenze?
Ndayicinga nzulu lonto kwanyanzeleka ndike ndiye ndiyovisa

Impendulo ezingamasikizi

To be continuer

06/07/2022

Themba ilitye kunomntu
Part 2

Kwathi sekungeni kwavela oomama ababini betheza iinkuni kwelothafa ndaya ndikhalezile ndicela uncedo
Ngokothuka bandombathisa ngamabhayi abo kunye nelonenekazi bazama ubiza aboncedo lokuqala
Basiphuthumisela kwiziko lezempilo sendibona ukuba liya ngokuphela inenekazi, basitsala amagazi kodwa isimanga yayisesokuba inenekazi eli lalime ngento enye lisithi kunje nje nguwe bhuti lomazwi andihlaba kwacacukuba ndizobizelwa abakwantsasana bandigoca ngemibuzo bendifaka izityholo
Iliwa libhek*moya

Ndothuka sendikwesimnyama isisele ndizibuza imibuzo engaphendulekiyo
Ndahlala usuku lonke lwangecawa ndingenalo tu ufifi, kwathi emvakwentsuku ezimbini ndavela emkhumini ngezityolo zozama ukubulala nozithathela ngolunya kwinenekazi yayingathi ndiyaphupha ukuva inenekazi lisithi bendigqibele ndihambhanaye andiyazi undenzentoni lobhuti akugqiba asitsho isikhalo
Kwathi gqi umfana owandwanduluka ngelizwi elikhulu esithi mkhululeni akazinto ndiyabazi abenzi bobubi bendinabo
Hehehehehehehe yiba nombono wendlela edathandaza ngayo ndisithi inene uThixo unabantu bakhe ngamaxesha onke
Bamsondeza umfana lowo bengoca ngemibuzo kwaye waphendula engenalo nedyudyu kwabe kusinda kwam emlonyeni wengonyama

Ndagqiba kwelokuba ndilifulathele ikhaya kuba besele ndingathembekanga bengandithandisisi, bendingaxhalabanga kodwa ndidanile kanti ndijongeka olwahlobo nakwabo ndizalwa nabo
Ndaba nenzondo ngakubo kwade kwacacukuba ndibashiye okwexeshana

Bathi uThixo xa engakuwe akukho nabani na onok*ma endleleni yakho hlala ethembeni umdumise ngamaxesha onke
Ndithe ndisalingisa lomithwalo yam kwangena umnxeba kwenye yenkampani ezophezulu zindibiza ngokungxama bendinika umsebenzi
Iinyembezi zajika yaba zezovuyo ndingulowo wonwabileyo

Imfihlelo yobomi k*msebenzi omtsha

To be continuer..

21/06/2022

Themba ilitye kunomntu
Prt 1
Bekusecebeni lomtyholi ndingazi kanti imbhuyekezo yoba sisikhohlela ,
Intliziyo izale inzondo kodwa ke uThixo unabantu bakhe ngamaxesha onke

Kwakuzintsuku zeholide kwinyanga ka December ingulowo nalowo eziphethele amahinya hinya akhe
Bendiphila nabahlobo bam endikhule nabo ebuntwaneni bendisoliko ndigqwesile kwinkangeleko ndikwanceda abo basweleyo besiphila kamnandi kungangeni namoya
Kuthe kusenjalo kwafika nenekazi lithile kwilali leyo besiphila kuyo ndava besithi oyena ufikileyo kweli ityeli ingathi yinkosazana
Hehehehe Oooh umdla wamakhwenkwe ungawenzani..
Kwenzekile kubekho imidlalo kwibala elo lelali kwathi kanti sonke sobe silapho ,lalizolile lilihle ngalomini yangomgqibelo ndaya k*mama ondizalayo ndicela iinkozwana zokuyozonwabisa, ndafumana ngapha kokuba bendilindele sele ndithengelwe nezintsha kraca ezinxitywayo ngamabhongo ndaatsalela umnxeba abahlobo ndibazisa ngexesha esiyodibana ngalo kulomidlalo,
Baphendule besithi uyalibazisa mfowam sele singaphambile , ngokukhawleza ndaabaleka ukuya kubo kwathi kanti endleleni yam ndodibana nelonenekazi Lihle kunene balibabazayo ilali yonke lime ngakwenye yevenkile ezinkulu elalini ndama ndalibuka ndaziva ndibuza
Sisi umhlekangaka nje uyangaphi ?
Ngoncumokazi laphendula inenekazi lisithi bhuti bendisiya ebaleni kodwa ndililahlile itikiti ndahleka ndathi masifumane okuselwayo ndoyilungisa leyo yetikiti
Sathi chuu ukuya kwelobala wayelincoko usisi seyingathi Kade sisazana,
Sathi singena kwelobala ingulowo ejonge ngakuthi ndaatsalela abahlobo ndibuza bakweliphi na icala baza ngoku khawleza sahlala sonke sonwabile kuhlekwa sivuya kuyilonto , ndathi kubo ndisaya ngasese ndenza impazamo yokushiya ngasemva esosiphuso bendisisela , ndathi ndokubuya bavela sebesithi masitsibeni ngasedolophini sahamba nalo inenekazi kwathi kanti isiphuzo Sam basigalele isiyobisi esilalisayo
Kanti nakwelinenekazi benze kwanjalo , ndavuka size ethafeni nelonenekazi sele likhala ngamazantsi esisu

To be continuer

10/06/2022

The final episode on umzingisi akanashwa will be out soon , I'm struggling to post the evidence of what has been happening

Sorry for technical error but keep on checking up might be out tonight

09/06/2022

Umzingisi akanashwa part3

Kusekubeni zilungile izinto bumnandi ubomi ingilowo ezincamela komnye , kwathi kanti abahlobo ezandicinga ngabahlobo k*m nakuye baqala ngomana ukuzobutha Bambi bafike ngendlala iqabane elo lalingumntu othobekileyo nonobubele

Baqala ngoncoma isimilo nezenzo zakhe bemkhuthaza uyintombi eqotho , kwelinye icala babendibonisa ububi beminyaka edlulileyo bendigxeka uhlala nenyoka endlini , ngokhwanqiseka bendizibuza ingaba ivelaphi yonke le into..?

Lala gusha ndikuchebe atsho amaxhosa

Bavela abahlobo ngamazwi apholileyo begxeka besithi uhlonipheke kangaka nje uvuma njani bamlale bamxilise bamonwabise ukhona ngeloxesha baveze izithombe zeendawo yokonwaba elapho lowo ndithi liqabane k*m

Kwabanzima ukungakholwa kwanzima nokungamameli kuba zandicinga kunobungqina,
Kwelakhe icala wavela senothando okwenjana efumane umnikazi

Kwaanyanzeleka ndimhlalise phantsi ndimbuza ngelizwi eloyikekayo , impendulo yabayimvula yeenyembezi, ndazibona ndingamthembi ndimeya kwacacukuba lizophela uthando

Sekungeni wavakala endibuza ndicingantoni na ngaye? Ndingakwazina ukuhlanganisa ezotshomi phambikwakhe?

Okomzuzu ndamamela ndaphima kwindlu leyo ndamsiya, ndazama uqokelela bonke abahlobo ndabasa phambikwakhe ndabuza ingaba ukhona na onocacisa ekhona usisi ngesimo sakhe ? Bajongana bajikeleza bekhombana besilwa kwabodwa ndabacela bandishiye neqabane elo lam
Ngokuzithoba ndaadana ndixolisa ngok*mamela abangani nobavumela babenomlomo kwinto yam naye

Waqumba kanobom usisi sekungeni wandicela ndohlukane nabo naye wenza kwanjalo saphila kamnandi sonwaba kwalibaleka kwanto

Kanti ubomi bunjani... Ndazibona ndiphila ndodwa engasekho

To be continuer ..

08/06/2022

Umzingisi akanashwa part2

Kwathi kusenjalo iluthando k*mzanana lowo samfumanayo kwanyanzeleka sithethe ngobomi bubhekisaphi na
Kuba kaloku sadibana ngothando singenazimfihlo iqabane lam lazikhuphela lithetha iingxaki zophila kwakhe eziquka abazali nongaphangeli nentlupheko eyayingathi ifuna ukhula
Ndasikeka umphefumlo ndimthenbisa kuzolunga , usisi wayethandaza mihla yonke elila mihla yonke kodwa engadinwa
Kwak*mnandi uhlala naye enobubele enothando sikhumbulana xesha lonke xa ndiphangele

Athi amaxhosa isisila senkukhu sibonwa mhla luqhuthayo

Kwakuzinyanga zimbini sisazana sihlala ndawonye nosisi
Bendingumntu onesikhwele kwaye usisi lowo wayemhle ngamandla
Kwathi kanti xandiphangela intlungu yakhe yongaphangeli imenza athande abangani kunxilwe konwatywe , bendiwukhalima lomkhuba ndithetha naye mihla yonke , kwathi ngeminazana ithile ndibuya empangelweni njengesiqhelo ndafumana okuya phantsi kwempumlo ndabekelwa amanzi kwakhala umnxeba kasisi owawuphendula esithi ndiyeza'nana

Wandishiya ngelithi ndizobuya kungaphelanga mizuzu sthandwa Sam , ndaalinda ubusuku bonke ndikhathazekile akazange abuye

Ndaacinga ndimonile okanye ndinengxaki phof ke wabuye emini maqanda ediniwe enuka ezika Victoria ndaakhubeka ngomsindo ndamala ndamgxotha

Kwangoko ndazifunela umntu endinohlala naye ndamfumana phof ke ingumsindo ndingesafuni kwanto kusisi , kwadlula usuku lwalunye ndaziva ndimkhumbula ndincinga kodwa ke ndisaqumbile
Kwelesihlanu usuku ndazibona ndiyomlanda ndimkhumbula ndikwafuna neempendulo

Ndatyhafa ndak*mfumana ndaxola ndamthanda ndalibala kwanto engayekanga uxolisa
Kwaqengqeleka iinyanga salwalwa sixabana mihla le ngesikhwele ebendinaso nalapho ndixola ndimxolela
Azangenge ziphele iimfazwe kodwa nothando lwalukhona ndazibona ndiphakamisa isandla kuye ndaqaphela apho ukuba akukuhlanga ,

Safumana icebo lolungisa izimilo zethu samamelana ndabona utshintsho sathandana kwamnandi kwanjalo

Nako ndilukuhlwa ngabahlobo

To be continuer..

08/06/2022

Umzingisi akanashwa

Ewe kaloku kwathi kanti eluhamba hambheni ndinyuka ndisihla ndixela amanzi olwandlwe kwezozitalato zidumileyo kwidolophuleyo kwathi kanti uThixo ungak*m

Ngamanye amaxesha siqaphela sekungeni ukuba iintsikeleyo zomdali zingakuthi
Ngalominazana lalihlabe umhlaba ndizipholele kwisithuthi somhlobo wam ,kwathi kusenjalo kwisithuthi ndaba novalo ndaziva ingqondo yaxinana kwanyanzeleka ndimisile ngoku khawleza kanti ndizobona usisi owayemile kakuhle echula ukunyathela kuloongqatsini yelanga
Ndamncela asondele ndemsizela kwelolanga wabulela usisi waza engxamile wahlala kwisitulo esasingasemva , kwathi kanti sisingise ndawoninye kwakuthilekile kwisithuthi eso ndimana ngomjonga usisi lowo kwathi kanti undiqaphele ndimana ngombuka

Ndazazisa kuye ngobubele okomntu oboleka imali k*matshonisa
Oooh waphendula ngelizwi lecawa elipholileyo lidiniwe ezazisa , kwathi kusenjalo ndaphazamiseka luncumo lwakhe olunamazinyo ngathi anezixhobo , ndafa luthando ndimncoma indlela leyo yonke ,

Kwalibaleka neengxaki zam zobomi ndithetha ndithandaza ngentliziyo ndisithi Bawo osemazulwini ingaba nguye na lo undibekele yena

Kwafika ixesha sohlukane no sisi lowo kwakungemnandanga ndidak*mbile

Kwahlula iyure zambalwa ndafunisa ngaye ndifuna neenombolo zakhe zomxeba kubahlobo bakhe
uThixo ova izikhalo ndamfumana usisi lowo kwakhona ndamcela uk*mbona kwakho
Azange ale ngenene sadibana sancokola kwamnandi kwayilonto
Ndagoduka ndinovuyo ndithetha ndodwa ndibulela

Kwadlula usuku okokuqala ebomini bam ndonwabile ndichazeke ngumntu kwanyanzeleka ndicele umbona kwakho ,kwelityeli salahleka nosisi lowo saya kwantliziyo ndise apho sonwaba sincokola sihleka k*mnandi kuyilonto usuku lonke
Sasingathi yiminyaka sisazana

Kwaqhubeka njalo njalo sidibana kwade kwafika ixesha lokuba sicinge uhlala ndawonye

Hehehe ndixolele zandiqhutya luthando
Ngenene sakhangela umzi esinohlala kuwo sobabini kwak*mnandi sincedisana

Wafika umthyoli

To be continued...

27/06/2021

Ubomi bakhe kwintlungu yozithandisa

Kuthiwa yonke into inexesha layo , kwiminyaka eliqela edlulileyo kukho umsatsa k*mama womntana noyise ubomi baqhubeka omnye esenza ayithandayo kodwa iinjongo Yayizezokuba sikhathelele usana

Kwakungekuhlanga kuye ubomi bumbethe kanobom , kweli ityeli besendingakhathalelanga nto emehlelayo
Ndafikelwa ziingqondo zokuba ingaba ndinawo umdla wozimanya neqabane elitsha?
Ndophatheka njani kweli tyeli?
Ndisazibuza njalo lomibuzo phof nam yayingathi nditsha zandinemincili ndonwabile ndipholile ngegamalase mlungwini babesithi I'm Glowing...

Ndafumana umnxeba kwixhegwazana lam lisithi Nyana umthatha nini umfazi ?
Ndingekaphenduli njalo laphinda lathi k*m obubomi abufuni magwala yenza okulungileyo ungahoyi yonke into ethethwa ngabantu ubomi bakho bobakho wedwa

Kwangoko ndafumana amandla
Kwathi kungeni kwe Gqi gqiyazana lihle linomkhitha noncumo olumangalisayo ndazibona ndifile Luthando kwathi kanti no sisi lowo ukwelo lam

Kwadlula inyanga sithandana ndazibona ndicela Umtshato
Wakhalaza usisi ngelithi bhuti kusekutsha masilinde inyangana ezimbalwa ndophuka umphefumlo kodwa ke ndinethemba ngoba mihla nezolo usisi wayendithanda ngamandla

Bendiziva ndithetha ndodwa ndisithi kanti bawo ubundibekele lo yini na ndimane ndi sithi ukuba nguye ngenene mayenzeke intando yakho

Iyintlungu eyozithandisa ube uhluk*mezeka umphefumlo kodwa yazi ukuba ekunyamezeleni kunomvuzo kwaye abo bathembele keye abayi kudaniswa

To be continue...

21/03/2020

Ibali lakhe part 3

Kusemveni kwenyanga ezisibhozo ebunzimeni bolungisa imeko zophila kwathi kanti ngelingeni kwangenelela ngamandla umtyholi owalukuhla intombazana leyo zandithandana nayo ndinosana kuyo
Waqala ngobuyela ngamandla etywaleni ndifumana neminxeba xa ndiphangele beyibeka ngoyibeka abamelwane imeko eliphila ngayo usana xa ndingekho kwade kwabakho lowo undicela ndibuye ndizozibonela amanyundululu ayesenzeka kwindlu leyo yam
Ndafika ndingabhungisanga kwathi kanti ndiwuchanile umhlola , kwaba ngamajijiji kulondlu kwade kwabizwa abomthetho ngabamelwane ndathi ndisahoya elosana ndileqisa emnyango kanti ndimnike ithuba lobhunca wanyamalala
Bababude ubusuku lukhala usana indim lowo phantsi naphezulu ndizama konke endinokwenza lithule
sekungeni la'lala usana..
Ndathatha isigqibo somkhulula aziphilele kwampenge mpenge apho athanda khona kuba yayingathi andimelani nemeko ezo...

Oooh madoda umsindwana wexeshana azange ziphele iveki wabuya umntu secela amaxolo ndiboba nempilo ayintlanga ndazama nalapho uxola ndizama inceba, nceba leyo yabangela umntu andonzakelisele oogqirha nezicaka ndingabhungisanga..

Ndathi ndisajonge leyo yam nezibhedlela wabe umntu ecaleni eqhubeka nindigqwalisa kubahlali sekungeni ndingahoyanga wabuya wavula icala...

Kwelithuba zandingasahoyanga nenye ndizipholele entloko kunemibuzo endizibuza yona ingaba ndimuncu na? Kode kubenini ndiphila oluhlobo? Xandinoziphindezela kona?
Ndagqiba kweloba ndimnike ende intambho azixhome
Bebabaninzi ababesondela k*m bendibalisela konke okuqulunqwa ngam kodwa impendulo ibibanye isithi... inkomo enetshoba ayinqandwa ngalomazwi bendisithi myekeni enze anako

Ngamanye amaxesha ukuzithandisa nozithoba kunomvuzo kuthixo

Yiba nentloni ungumntu ukwenzela ungenzi iintloni ngoba kaloku iintloni ziyamakha umntu

Intlungu yizithandisa last chapter is loading......

12/09/2019

Ibali lakhe part 2

Kusemveni kokuba luzelwe usana ubomi baya ngok*mana busiba nzinyana phof ke ndingayekanga uzama kwimizamo ezamekayo

Emva kwenyanga ezine luzelwe usana kwanyanzeleka unina wesana abuyele kwimpangelo eyayingu'mqobo ke lalizogcinwa ngubani usana ngu nina khulu lo ebengalifuni lingekazalwa okanye lofunelwa umncedisi wekhaya?

Njenga tata wekhaya kwafuneka ndize necebo ngokungxama
Kwanyanzeleka ndibize owam unina azogcina usana kweziyure sisaphangelayo nonina wesana.

Kwafika usuku wafika umgcini wesana oweye ingu nina k*m, mhla efika wabona iziphoso kunina wesana njengotata wesana ndaacinga ukubiza owam unina ibilelona cebo lihle, kodwa ke ebendingayiqondi yeyokuba unina wam wayehleba intombi le kwi tshomi zayo phof ke naleyo bendingayazi sendisiva ngentombi leyam ukuba iyahluk*mezeka kwayo ngumama wam isigqibo sakhe sabe sisithi makahambe
Mmmmmmh kwabanzimana ngoba kwakufaneleke ndibadibanisile ndingakhethi cala,
Ndaakwenza ke Oko kodwa iziphumo zange zibe zihle

Oooh bawo intlungu yozithandisa kwanyanzeleka ndimkhulule umama wam agoduke phof selehamba elila, ndaahlala nesosingqala iinyanga sekungeni ndothiswa bububele obavela kunina wentombi walamnkela usana ndisamangazwe yileyo yaluxolo nothando kwam

Kwintlungu yozithandisa ubomi ngumzamo

To be continued.... chapter 3

Address

De Aar
7000

Telephone

+27782905054

Website

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when Intlungu yozithandisa posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Contact The Business

Send a message to Intlungu yozithandisa:

Shortcuts

Share

Category