27/12/2023
Umbongo :
Intlungu Yothanda
Abaninzi bathi ndisisidenge
abaninzi bathi ndithabathekile
Ewe ubuhlungu bona ndikuvisile
Kodwa ewe uthando lona ndikunikile
nawe uyayazi lonto,
ingxuba kaxaka bendinayo Wena uyilungisile , ngesizulu ndithi uyilaphile ewe wena ndikuthandile
ewe Wena ndikukhethile
ulelam igqiyazana ithigqi ndithi mncwa okomzuzwana ewe ndiyathanda
Ewe ngoku ndiphesheya kwentaba
kodwa ungaxhalabi ezam icinga zingawe
gqiyazana
Imfudumalo yam Xa kubanda , isikhayinyisi Sam ngemini zobumnyama
uchumo elichumisa imbali zam
ukhanyo oluphambi kwamehlo amu
andisazi noba mandizive njani mandivuye ,mandigcobe, mandikhale
Oyhini ndizizo Zonke phambi kwakho
Imini ngemini,
unyaka ngonyaka
Osikhanyisi nyani ndakundatha
Ndiyathemba uyandiva , ndiyathemba uthathekile ngoba mna ngawe ndithabathekile ngoba mna Xa ndicinga imini zam nawe zobumnandi ziphelile
Oyhini ndixhalekile ,
ndiphambi kwakho nje intliziyo yam
uxela ubuqolomba
Oyhini ndamthanda Oyhini isikhanyisi Sam Sona sindikhanyisela indlela
andifuni ugxame ngondlelantle
ngoba Yona intliziyo yam ayihlelanga
kakuhle
Oyhini ndizithobile ,
intliziyo yam idandathekile
Oyhini ndizibikile