09/11/2025
Ebomini bam uvuyo nolonwabo iye yayinto emfutshane ebomini bam kwada kwaphela ubomi bam.
Okokuqala ndiye ndazalwa umama wam engamazi utata wam, yiyo lonto nam ndikhule utata wam ndingamazi kwakulanto wayemana esithi ngulo aphinde athi ngulowa.
Kodwa kukho ubhuti wayemana esiza ezama umxalela umama ukuthi ndingumntana wakhe kodwa umama ale amphikise wada ubhuti wabantu wayekelela.
Kuthe ndiyemcinci kunjalo umama nodade wabo nezihlobo zabo kwakunye abantu babo bezonwabisile kwangena indoda kamama ndilelisiwe kuba ndandineminyaka emine ngelolixa wazenzela k*m ngokuzithathela kulomzimba ucekeceke.
Lonto ndikhule ndingayazi kodwa ndoyazi select kukudala nalapho ndiyaziswa umama enxilile endibalisela ngobomi bam nokuthi ngubani utata wam, ndaba sendimazi lobhuti kuba waphinda wabuya ezokhangela umama ukuthi akakavumi ukuthi unguye tata wam.
Ndithe xa ndineminyaka elishumi linesithathu wavuma umama kulobhuti ukuthi ndingumntana wakhe, kwenzekile ke samana sibonana noTata, qha ubomi bam babusele budlakazela kancinci kuba ndandisela nditshaya.
Kwenzekile ke utata wawububona ubomi bam ukuthi asobobomntana kwaye kudinga inkathelelo wandithatha ndohlala naye kowabo, wandifunela isikolo phakathi enyakane nasifumana, ndaqala Grade 3 kwesosikolo sendimdala kaloku ngexesha ndihlala nomama bendifunda ndingafundi.
Ndadonwabile kulo tata ndifumana izinto nothando endandinephupha ngalo, kodwa into biphazamisa ubomi bam yinto yokudlwengulwa kwam, lonto iye yandenza ndingene kakhulu kwiziyobisi kuba kaloku ithuba losela andilifumani kulo tata.
Utata wayeyazi nto yotshaya kwam endingxolisa andixalele nangamakhwenkwe ukuthi afunani kwintombi qha ndingaziwoyi ezontetha zakhe, waphela engumntu ophakamisa isandla.
Ekundohlwayeni kwakhe wabanento ayiqwalaselayo k*m, ndothuka xa ebuya emsebenzini endibizela ekamereni yakhe sendincancazela, wasuka Wathi awenzanganto funa nje kesincokole.
Lisaqhubekeka ibali